Share now!

bhalwe ngumbhali weElitsha

Ixesha lolwaluko alifikanga ligalelekile kwaye urhulumente wase Mpuma Koloni umemelela lonke uluntu ukuba luthabathe uxanduva ngelithuba lolwaluko lwasebusika.
“Umntwana wakho ngumntwana wam, kwaye kuthatha uluntu lonke ukukhululisa umntwana,” lo ngumyalezo ovela kwisebe Cooperative Governance and Traditional Affairs (Cogta) kwiphondo lase Mpuma Koloni. Esi sindululo sijoliswe kuluntu lonke ekuhlaleni ukuba kubanjiswane ukuze elixesha lobusika libe lelikhuselekileyo.

Ulwaluko lithuba apho amakhwenkwe athi aluke ukuze agqithele kwizinga lobudoda nelithe labasematheni kweli loMzantsi Afrika jikelele ngenxa yokwenyuka kwamanani okusweleka nokungxwelerheka kwabakhwetha.

Abakhwetha bengumkrozo ukuya ebhumeni. Ifotwe ngu Dumelangnews.co.za

Urhuluemente wase Mpuma Koloni kungoku nje uthe wamilisela iqela eliququzelela ukulumkisa nokuqinisekisa ukuba bonke abo babandakanyekayo abafana nenkokheli zomthonyama, abazali, amapolisa, isebe lezempilo – bonke basebenzisana norhulumente ukuqinisekisa ukuba akukho namnye umkhwetha oswelekayo.

I-Cogta ivakalise ukuba ukulimala kwabakhwetha kunye nokufa kwabo kuthe kwaba yinto enganyamezelekiyo kwelasebe. Ukanti ukungadlali indima efanelekileyo kwabazali kunye noluntu ekuhlaleni ngelixesha lolwaluko kufaniswa netyuwa enxebeni.

Ukanti ingxelo zokusweleka kwabakhwetha uninzi lwazo luthe lwavela kumasipala wesithili iChris Hani nalapho kutyholwa izikolo zolwaluko ezingekho semthethweni, ukuxhatshazwa nokutlontwa kwabakhwetha, ukuvinjwa ukutya kunye namanzi nokungabikho konxibelelwano ngesimo sabantwana.

Ukanti ezinye indawo ezithe zaduma kwelaphondo, kukumhlaba wase Mampondweni eNyandeni, kuNtabankulu, eSajonisi, eNgquza, Mbizana kunye ne OR Tambo.
Isithethi se Cogta umnumzana Mamkeli Ngam uxelele i-Elitsha ukuba sele baqalise iphulo lokutyelela abantu kwindawo abahlala kuzo ngendima ekufanele ukuba bayidlale ngelithuba lolwaluko.

“Sikhuthaza abazali ukuba bazibandakanye, ukuba ungumzali ongenamyeni, nxibelelana kunye nomalume bomntana ukuqinisekisa ukuba kukho umntu omthembayo ozakuthi abesentabeni ntsuku-zonke,” uvakalise oko uNgam.

UNgam ukwathe urhulumente wephondo ubambisene kunye norhulumente kazwelonke ukuqinisekisa ukuba:

  • Kufuneka umntana abengaphezulu kweminyaka elishumi elinesithandathu ubudala
  • Abe usifumene isiqinisekiso sokuba usempilweni nesivela kugqirha ngaphambi kokuba aye entabeni.
  • Imvume yabazali ebhaliweyo ikhona
  • Inkosi yendawo iyayazi ingcibi namakhankatha
Umkhwetha eme phambi kwebhuma. Ifotwe ngu wsusna.wordpress.com

Uthi, nakubeni ulwaluko lungenanto yakwenza norhulumente, kodwa ngenxa yeziganeko zokusweleka kwabakhwetha ezininzi, urhulumente uthe wamilisela eliphulo ukuqinisekisa ukuba onke amakhwenkwe akhuselekile.

“Kukho amaqumrhu olwaluko azakuthi atyelele izikolo zolwaluko kwezondawo ezithe zachazwa njengezineziganeko eziliqela zokusweleka kwabakhwetha ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba kakuhle,” utshilo uNgam.

Umsebenzi weli qumrhu izakuba kukuqinisekisa ukuba amakhwenkwe akhathalelwe, ngokuthi luququzelele uluntu, lubenengxoxo, linikezele ngenkxaso ekuthinteleni, ukungenelela kwangethuba, ukunikezelwa kwenkonzo ezifanelekileyo kwanokukhathalelwa maxa onke.

UNgam ubongoze uluntu ukuba lusebenzisane lubambane ngezandla kunye neliQumrhu, kuba bafuna nje ukuqinisekisa ukuba amakhwenkwe aphilile.

Ukwathi kwezinye indawo bathi bagrogriswe bethintelwa ukuba bangene kwizikolo zolwalulo kwaye oko kwenza umsebenzi wabo nzima.

“Asiyanga phaya ukuya kujonga indlela ekwenziwa ngayo isiko labo, kodwa siyele ukuya kuqinisekisa ukuba ingaba amakhwenkwe aphethwe kakuhle na”.

Ungam ukwacebise abazali ukuba bangathinteli abantwana ukuba baye entabeni koko kufanele ukuba baqinisekise ukuba, xa bethe baya isimo sabo siyaqwalaselwa maxa onke.

Inkosi uNgangomhlaba Matanzima umemelele abazali, amakhankatha kunye namalungu asekuhlaleni ukuba adlale indima yawo efanelekileyo ngethuba lolwaluko ukuqinisekisa ukuba akukho bantwana baswelekayo.

Eli phulo likarhulumente lamkelwe ngezandla ezishushu ngabazali base Libode nesithe sabamba udliwano ndlebe. Abanye bathe bevakalisa ukuba bazakuthabatha inxaxheba kweliphulo.

UMlindi Mpofu uthi kungumbono omhle kakhulu ukuba urhulumente abandakanyeke. Uthi kunyaka ophelileyo kwindawo ahlala kuyo eDalaguba kwathi kwasweleka abakhwetha abaliqela.

“Sonwabe kakhulu sesisindulo, kwaye nakwiveki ezayo silindele abantu abazakusifundisa ngokubaluleka kokuhlamba izandla. Bafake isicelo enkosini ukuba ibize zonke iiNgcibi, kwaye ndiyakholwa ukuba sizakufunda lukhulu koku,” utshilo.

UNosidima Mjame wase Ngqeleni nongumzali oyedwa uthi wabe emathidala ukuthumela unyana wakhe esikolweni solwaluko kodwa ngoku wonwabe kakhulu kuba urhulumente uzibandakanyile kwaye namapolisa azakubamba abo baphula umthetho.

UNgam uthe wathumela umyalezo ongqongqo kwabo basebenza ngokungekho semthethweni kwizikolo zolwaluko ezingabhaliswanga, esithi umthetho uzakudlala indima yawo.